1. Kwathi ngomhla wesithathu kwabakho umtshato eKana kwelaseGalili, ekho nonina kaYesu.
2. UYesu nabafundi bakhe babemenyiwe nabo kuloo mtshato.
3. Yakuphela iwayini, unina kaYesu wathi kuye: “Baphelelwe yiwayini.”
4. Wathi kuye uYesu: “Mama, khawuyeke. Ixesha lam alikafiki.”
5. Waza unina wathi kwizicaka: “Kwenzeni konke anixelelayo.”
6. Apho ke kwakukho imiphanda yelitye emithandathu eyayisetyenziswa ngamaJuda kwisiko lawo lokuhlambulula. Umphanda ngamnye wawumkhulu kangangokuba wawungena iilitha ezimalunga namashumi alithoba ukuya kwikhulu.