Uyohane 2:1-17 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kwathi ngomhla wesithathu kwabakho umtshato eKana kwelaseGalili, ekho nonina kaYesu.

2. UYesu nabafundi bakhe babemenyiwe nabo kuloo mtshato.

3. Yakuphela iwayini, unina kaYesu wathi kuye: “Baphelelwe yiwayini.”

4. Wathi kuye uYesu: “Mama, khawuyeke. Ixesha lam alikafiki.”

5. Waza unina wathi kwizicaka: “Kwenzeni konke anixelelayo.”

6. Apho ke kwakukho imiphanda yelitye emithandathu eyayisetyenziswa ngamaJuda kwisiko lawo lokuhlambulula. Umphanda ngamnye wawumkhulu kangangokuba wawungena iilitha ezimalunga namashumi alithoba ukuya kwikhulu.

7. UYesu ke wathi kwizicaka: “Zalisani le miphanda ngamanzi.” Izicaka zayizalisa,

8. wathi kuzo: “Yikhani ngoku, nise kwinjoli.” Zenjenjalo ke,

9. yaza injoli yawangcamla amanzi ajikwe aba yiwayini, koko ingazi apho ivela khona le wayini. Yayizizicaka kuphela ezazisazi, kuba ayekhiwe zizo amanzi. Injoli ke yambiza umyeni,

10. yathi kuye: “Idla ngokukhutshwa kuqala iwayini elungileyo, kuthi zakuba zisele zanela iindwendwe, kukhutshwe enganeno. Kodwa wena uyigcine kwada kwangoku eyona wayini ilungileyo.”

11. Lo mqondiso wakhe wokuqala uYesu wawenza eKana kwelaseGalili, ebonakalisa ubungangamsha bakhe; baza abafundi bakhe bakholwa kuye.

12. Emva koko uYesu, nonina, nabantakwabo, nabafundi bakhe, baya eKapernahum, bahlala khona iintsukwana.

13. Yayiselisondele *iPasika yamaJuda, waza uYesu waya kuyo eJerusalem.

14. *Endlwini kaThixo wafika kukho abathengisi beenkomo, neegusha, namahobe; kukho nabatshintshi-mali behleli ezitafileni zabo.

15. Wenza isabhokhwe ngentambo, wabakhupha bonke endlwini kaThixo, ezikhupha nezo gusha nezo nkomo. Wayichitha imali yabatshintshi, wabhukuqa nezo tafile zabo.

16. Waza wathi kwabathengisa amahobe: “Zikhupheni apha ezi zinto. Indlu kaBawo sanukuyenza indawo yokuthengisela.”

17. Bakhumbula ke abafundi bakhe okokuba *iziBhalo zithi: “Ukuzondelela indlu yakho, Thixo, kundongamele.”

Uyohane 2