Uyohane 19:8-23 Ibhayibhile (XHO96)

8. Akuyiva loo nto uPilato, wothuka ngakumbi,

9. waphinda wangena ngaphakathi, wathi kuYesu: “Uvela phi wena?” Kodwa uYesu akamphendulanga.

10. UPilato wathi kuye: “Akufuni kundiphendula? Uyaqonda na ukuba ndinegunya lokukukhulula, ndinako nokukubethelela emnqamlezweni?”

11. Waphendula uYesu wathi: “Ngewungenagunya kum mpela ukuba ubungalinikwanga nguThixo. Ngoko ke oyena unetyala ngulowo undizise kuwe.”

12. UPilato kwaba kukhona afuna ukumkhulula, kodwa amaJuda adanduluka esithi: “Ukuba uyamkhulula lo mntu, uya kuba akukho *ngakuKhesare. Kaloku umntu ozenza ukumkani, uchasa uKhesare.”

13. Akuyiva le nto, uPilato wamkhuphela ngaphandle uYesu, waya kuchopha esihlalweni sokugweba, endaweni ekuthiwa nguMgangatho waMatye, ngesiHebhere kuthiwa yiGabhata.

14. Ke kaloku kwakusemini enkulu ngomhla owandulela *iPasika, waza uPilato wathi kumaJuda: “Nanko ke ukumkani wenu.”

15. Ankqangaza athi: “Msuse! Msuse! Mbethelele emnqamlezweni!”Wathi kuwo uPilato: “Nifuna ndimbethelele emnqamlezweni ukumkani wenu?”Ababingeleli abaziintloko bathi: “Mnye qha ukumkani wethu: nguKhesare.”

16. Waza ke uPilato wabavumela ukuba uYesu abethelelwe emnqamlezweni.Kwemkiwa naye uYesu,

17. ehamba ethwele umnqamlezo wakhe ukuya kuloo ndawo kuthiwa yeyoKhakhayi, ekuthiwa ngesiHebhere yiGolgota.

18. Apho bambethelela emnqamlezweni, ephahlwe ngabanye ababini, bebethelelwe nabo, uYesu ephakathi.

19. UPilato wabhala nesaziso, esaxhonywa emnqamlezweni. Kwakubhalwe kwathiwa: “UYesu waseNazarete, uKumkani wamaJuda.”

20. AmaJuda amaninzi asifunda eso saziso, kuba loo ndawo uYesu wayebethelelwe kuyo emnqamlezweni yayikufuphi nesixeko. Isaziso eso sasibhalwe ngesiHebhere, nangesiLatini, nangesiGrike.

21. Ke ngoko ababingeleli abaziintloko bamaJuda bathi kuPilato: “Sukubhala uthi: ‘UKumkani wamaJuda;’ yithi kanye: ‘Lo mntu uthe: NdinguKumkani wamaJuda.’ ”

22. Waphendula uPilato wathi: “Endikubhalileyo ndikubhalile.”

23. Akuba amajoni embethelele emnqamlezweni uYesu, azithatha iimpahla zakhe, abelana ngazo emané. Asithatha sona isambatho sakhe esasingenamthungo, salukiwe nje sisonke ukususela phezulu.

Uyohane 19