5. Waphuma ke uYesu, ethwele isithsaba sameva, ambethe ingubo ebomvu. UPilato wathi kumaJuda: “Nanko ke!”
6. Bakumbona ababingeleli abaziintloko nabagadi *bendlu kaThixo badanduluka besithi: “Bethelela emnqamlezweni! Bethelela emnqamlezweni!”Waza wathi kubo uPilato: “Mthatheni ngokwenu, nimbethelele emnqamlezweni, kuba mna andifumani tyala kuye.”
7. Amphendula amaJuda athi: “Thina sinomthetho; yaye umelwe kukuba afe ngokwalo mthetho, kuba ezenza uNyana kaThixo.”
8. Akuyiva loo nto uPilato, wothuka ngakumbi,
9. waphinda wangena ngaphakathi, wathi kuYesu: “Uvela phi wena?” Kodwa uYesu akamphendulanga.
10. UPilato wathi kuye: “Akufuni kundiphendula? Uyaqonda na ukuba ndinegunya lokukukhulula, ndinako nokukubethelela emnqamlezweni?”