Uyohane 19:34-42 Ibhayibhile (XHO96)

34. Suka lamhlaba ngomkhonto ephangweni elinye ijoni, kwaza kwampompoza igazi namanzi.

35. Oku kuyangqinwa ngomnye wâbo bakubonileyo, yaye ubungqina bakhe buyinyaniso. Uyazazi ukuba unyanisile, efuna ukuba nani nikholwe.

36. Zisenzeka nje ezi zinto, zazizalisekisa okuxelwe *ziziBhalo zisithi: “Akuyi kwaphulwa nalinye ithambo lakhe.”

37. Kwakhona enye indawo yeziBhalo ithi: “Baya kujonga kulowo bamhlabileyo.”

38. Ke kaloku emva koko uJosefu waseArimati wacela imvume kuPilato ukuba awuthathele kuye umzimba kaYesu. UJosefu lo wayengumlandeli ofihlakeleyo kaYesu ngenxa yokoyika amaJuda. UPilato wamvumela, waza ke uJosefu waya kuwuthula umzimba kaYesu.

39. UJosefu wayekhatshwa nguNikodimo, lowo wayekhe waya kuYesu ngobusuku. UNikodimo wayephethe umxube wentlaka yokuqhola nencindi yekhala engaphezu kweekhilogram ezingamashumi amathathu.

40. Bawuthatha ke umzimba kaYesu, bawuthandela ngamalaphu elinen, bawuqhola njengokuba kwakusenziwa ngokwesiko lamaJuda.

41. Kwakukho isitiya kuloo ndawo wayebethelelwe emnqamlezweni kuyo uYesu, kukho nengcwaba elitsha, kungekangcwatywa mntu kulo.

42. UYesu ke bamngcwaba kweli ngcwaba lilelona likufutshane, kuba *uMhla wokuPhumla wawuselusondele.

Uyohane 19