Uyohane 19:3-12 Ibhayibhile (XHO96)

3. amana esithi kuye: “Aa! Kumkani wamaJuda!” Aza ambetha.

4. Waphinda uPilato waphuma, wathi kumaJuda: “Niyabona, ndimzisa kuni, ukuze niqonde ukuba andifumani tyala kuye konke.”

5. Waphuma ke uYesu, ethwele isithsaba sameva, ambethe ingubo ebomvu. UPilato wathi kumaJuda: “Nanko ke!”

6. Bakumbona ababingeleli abaziintloko nabagadi *bendlu kaThixo badanduluka besithi: “Bethelela emnqamlezweni! Bethelela emnqamlezweni!”Waza wathi kubo uPilato: “Mthatheni ngokwenu, nimbethelele emnqamlezweni, kuba mna andifumani tyala kuye.”

7. Amphendula amaJuda athi: “Thina sinomthetho; yaye umelwe kukuba afe ngokwalo mthetho, kuba ezenza uNyana kaThixo.”

8. Akuyiva loo nto uPilato, wothuka ngakumbi,

9. waphinda wangena ngaphakathi, wathi kuYesu: “Uvela phi wena?” Kodwa uYesu akamphendulanga.

10. UPilato wathi kuye: “Akufuni kundiphendula? Uyaqonda na ukuba ndinegunya lokukukhulula, ndinako nokukubethelela emnqamlezweni?”

11. Waphendula uYesu wathi: “Ngewungenagunya kum mpela ukuba ubungalinikwanga nguThixo. Ngoko ke oyena unetyala ngulowo undizise kuwe.”

12. UPilato kwaba kukhona afuna ukumkhulula, kodwa amaJuda adanduluka esithi: “Ukuba uyamkhulula lo mntu, uya kuba akukho *ngakuKhesare. Kaloku umntu ozenza ukumkani, uchasa uKhesare.”

Uyohane 19