21. Ke ngoko ababingeleli abaziintloko bamaJuda bathi kuPilato: “Sukubhala uthi: ‘UKumkani wamaJuda;’ yithi kanye: ‘Lo mntu uthe: NdinguKumkani wamaJuda.’ ”
22. Waphendula uPilato wathi: “Endikubhalileyo ndikubhalile.”
23. Akuba amajoni embethelele emnqamlezweni uYesu, azithatha iimpahla zakhe, abelana ngazo emané. Asithatha sona isambatho sakhe esasingenamthungo, salukiwe nje sisonke ukususela phezulu.
24. Ke ngoko athetha-thethana esithi: “Masingasikrazuli; *masiqashise ngaso ukuba siya kuba sesikabani.” Ukwenjenje oku ayezalisekisa loo ndawo *eziBhalweni ithi:“Babelana ngeempahla zam;baqashisa ngesambatho sam.”Enza loo nto kanye amajoni.
25. Apho ngasemnqamlezweni kaYesu kwakumi unina, nodade bonina, noMariya umka-Kleyopa, kunye noMariya waseMagadala.
26. UYesu akumbona unina emi kunye naloo mfundi uYesu wayemthanda, wathi kunina: “Mama, nanko unyana wakho.”
27. Waza wathi kuloo mfundi: “Nanko unyoko.” Ukususela ngelo xesha loo mfundi wamthathela emzini wakhe unina kaYesu.