7. Wababuza kwakhona uYesu esithi: “Nifuna bani?”Bona bathi: “UYesu waseNazarete.”
8. Wathi uYesu: “Nditshilo ukuba ndinguye. Ke ukuba nifuna mna, bayekeni bazihambele aba.”
9. Esitsho nje wayesenzela ukuba lizaliseke ilizwi awalithethayo kuYise esithi: “Bawo, akudukanga namnye kwabo wandinika bona.”
10. Kuthe ke ngoko uSimon Petros enekrele walirhola, waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasisusa indlebe yasekunene. Igama lesicaka eso lalinguMalko.
11. Wathi ke uYesu kuPetros: “Faka ikrele lakho esingxotyeni salo. Le ntlungu ndiyibekelwe nguBawo. Ndiya kuthini ke ukungayamkeli!”
12. Ke ngoko elo qela lamajoni, linomphathi walo, kwakunye nabagadi *bendlu kaThixo ababethunywe ngamaJuda, bambamba uYesu, bambopha izandla.
13. Kuqala bamsa kuAnas, kuba wayenguyise womka-Kayafa, owayengumbingeleli omkhulu ngaloo nyaka.
14. Ngulo Kayafa ke lo owacebisa amaJuda ngelithi kulungile ukuba umntu omnye afele abantu bonke.