5. Baphendula bathi: “UYesu waseNazarete.”Wathi ke kubo: “Ndinguye.”UJudas umngcatshi wayemi kunye nabo.
6. Akuba uYesu ethe: “Ndinguye,” babuya umva, bawa phantsi.
7. Wababuza kwakhona uYesu esithi: “Nifuna bani?”Bona bathi: “UYesu waseNazarete.”
8. Wathi uYesu: “Nditshilo ukuba ndinguye. Ke ukuba nifuna mna, bayekeni bazihambele aba.”
9. Esitsho nje wayesenzela ukuba lizaliseke ilizwi awalithethayo kuYise esithi: “Bawo, akudukanga namnye kwabo wandinika bona.”
10. Kuthe ke ngoko uSimon Petros enekrele walirhola, waxabela isicaka sombingeleli omkhulu, wasisusa indlebe yasekunene. Igama lesicaka eso lalinguMalko.