24. UAnas ke wamthumela uYesu esabotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu.
25. UPetros wayesemi apho esotha, bambuza abanye besithi: “Akunguye na umfundi walaa mntu?”Wakhanyela kodwa uPetros, esithi: “Hayi, andinguye.”
26. Isicaka esithile sombingeleli omkhulu, esizalana nalaa ndoda eyasuswa indlebe ngekrele nguPetros, sathi: “Akunguye na lo bendimbone egadini kunye naye laa mntu?”
27. Wakhanyela kwakhona uPetros. Kwangoko yakhala inkuku.
28. UYesu kwemkiwa naye kwakusasa kwaKayafa, wasiwa emzini werhuluneli. AmaJuda akangenanga khona wona, hleze ngokwesiko lawo azingcolise, angabi nalo ilungelo lokutya *iPasika.
29. Waphuma ke uPilato, waya kuwo, wathi: “Nimmangalela ngantoni lo mntu?”
30. Aphendula athi: “Ngesingamzisanga kuwe ukuba ebengenguye umenzi wobubi.”
31. Wathi kuwo uPilato: “Mthatheni nina, nimgwebe ngokwenu, ngokwemithetho yenu.”Amphendula athi amaJuda: “Thina asivumelekanga ukubulala umntu.”
32. Ekufuna nje oku amaJuda ayezalisekisa ilizwi likaYesu awalithethayo esalatha indlela aza kufa ngayo.
33. Ebuyele ngaphakathi komzi wakhe, uPilato wabiza uYesu, wathi kuye: “Ungukumkani wamaJuda na wena?”