21. Usandibuza ntoni ke? Buza kwabo bantu bandivileyo. Bayazazi izinto endazithethayo.”
22. Akugqibanje ukutsho, omnye wabagadi bendlu kaThixo owayekufuphi naye, wambetha ngempama, esithi: “Yindlela yokuphendula umbingeleli omkhulu le?”
23. Wamphendula uYesu wathi: “Ukuba ndithethe ngendlela engeyiyo, cacisa ke. Kodwa ukuba ndithethe kakuhle, undibethela ntoni?”
24. UAnas ke wamthumela uYesu esabotshiwe kuKayafa umbingeleli omkhulu.
25. UPetros wayesemi apho esotha, bambuza abanye besithi: “Akunguye na umfundi walaa mntu?”Wakhanyela kodwa uPetros, esithi: “Hayi, andinguye.”
26. Isicaka esithile sombingeleli omkhulu, esizalana nalaa ndoda eyasuswa indlebe ngekrele nguPetros, sathi: “Akunguye na lo bendimbone egadini kunye naye laa mntu?”
27. Wakhanyela kwakhona uPetros. Kwangoko yakhala inkuku.
28. UYesu kwemkiwa naye kwakusasa kwaKayafa, wasiwa emzini werhuluneli. AmaJuda akangenanga khona wona, hleze ngokwesiko lawo azingcolise, angabi nalo ilungelo lokutya *iPasika.
29. Waphuma ke uPilato, waya kuwo, wathi: “Nimmangalela ngantoni lo mntu?”
30. Aphendula athi: “Ngesingamzisanga kuwe ukuba ebengenguye umenzi wobubi.”
31. Wathi kuwo uPilato: “Mthatheni nina, nimgwebe ngokwenu, ngokwemithetho yenu.”Amphendula athi amaJuda: “Thina asivumelekanga ukubulala umntu.”