Uyohane 16:9-16 Ibhayibhile (XHO96)

9. isono esi kukuba bengakholwa kum;

10. ubulungisa obu kukuba ndisiya kuBawo, nize ningabi sandibona;

11. umgwebo lo kukuba selegwetyiwe umphathi weli hlabathi.

12. “Ziseninzi izinto endinokuzithetha nani, kodwa zinganixaka okwangoku.

13. Xa ke athe wafika yena uMoya wenyaniso, uya kunikhokelela kuyo yonke inyaniso. Akayi kuthetha ngegunya elilelakhe, koko uya kuthetha izinto azivileyo, anichazele izinto ezizayo.

14. Yena uya kundenzela iwonga, kuba izinto anichazela zona ziya kuba zezivela kum.

15. Isizathu sokuba nditsho ukuthi izinto anichazela zona ziya kuba zezivela kum kukuba zonke izinto ezizezikaBawo zikwazezam.”

16. “Kwakufutshanenje anisayi kuba sandibona, kuthi kwakufutshane emva koko niphinde nindibone.”

Uyohane 16