Uyohane 16:6-12 Ibhayibhile (XHO96)

6. kuba iintliziyo zenu zizaliswe bubuhlungu kukundiva ndinixelela ezi zinto.

7. Kodwa ndinixelela inyaniso; kunilungele ukuba ndimke. Ukuba andithanga ndemka, akayi kuza kuni uMmeli; kodwa ukuba ndithe ndemka, ndiya kumthumela kuni.

8. Uya kuthi ke akufika ababonise abantu beli hlabathi into esiyiyo isono sabo, into obuyiyo ubulungisa babo, nento okuyiyo ukugwetywa:

9. isono esi kukuba bengakholwa kum;

10. ubulungisa obu kukuba ndisiya kuBawo, nize ningabi sandibona;

11. umgwebo lo kukuba selegwetyiwe umphathi weli hlabathi.

12. “Ziseninzi izinto endinokuzithetha nani, kodwa zinganixaka okwangoku.

Uyohane 16