9. Mna ndiyanithanda nina kwanjengoko uBawo andithandayo mna. Hlalani ke nikholose ngokuthandwa ndim.
10. Xa niyigcina imiyalelo yam, noba nihlala nikholose ngokuthandwa ndim. Xelisani mna endiyilulameleyo imiyalelo kaBawo, ndihlala ndikholose ngokuthandwa nguye.
11. “Ezi zinto ndizithethe kuni ukuze nibe novuyo enilunikwe ndim, luze uvuyo lwenu lugqibelele.
12. Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo.
13. Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.