Uyohane 15:7-23 Ibhayibhile (XHO96)

7. Xa nihleli nimanyene nam, nisoloko nisenza ngokwamazwi am, nocela nantoni na ke eniyifunayo, niyifumane.

8. Udumo lukaBawo luyatshatshela xa nivelisa iziqhamo ezininzi, nisenjenjalo kuba ningabafundi bam.

9. Mna ndiyanithanda nina kwanjengoko uBawo andithandayo mna. Hlalani ke nikholose ngokuthandwa ndim.

10. Xa niyigcina imiyalelo yam, noba nihlala nikholose ngokuthandwa ndim. Xelisani mna endiyilulameleyo imiyalelo kaBawo, ndihlala ndikholose ngokuthandwa nguye.

11. “Ezi zinto ndizithethe kuni ukuze nibe novuyo enilunikwe ndim, luze uvuyo lwenu lugqibelele.

12. Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo.

13. Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.

14. Nizizihlobo zam ke nina, ukuba niyayenza imiyalelo yam.

15. Andisatsho kuni ukuthi nizizicaka, kuba isicaka asikwazi okwenziwa yinkosi yaso. Ndinibiza ngokuthi nizizihlobo, kuba ndinixelele konke endikuvileyo kuBawo.

16. Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam.

17. Ndiniwisela lo mthetho ke: ‘Thandanani!’ ”

18. “Ukuba ihlabathi lithe lanithiya, ze nikhumbule okokuba lathiya mna kuqala.

19. Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi ngelinithanda okwabalo. Kodwa aningabo abehlabathi, kuba mna ndaninyula kulo ihlabathi. Kungoko linithiyileyo ihlabathi.

20. Likhumbuleni ilizwi endalithethayo kuni, ndisithi: ‘Akukho sicaka sikhulu kunenkosi yaso.’ Banditshutshisile mna; ke ngoko bonitshutshisa nani. Abayamkelanga imfundiso yam; neyenu ke abayi kuyamkela.

21. Ezi zinto zonke baya kuzenza kuni ngenxa yam, kuba abamazi lowo undithumileyo.

22. Ukuba bendingathethanga nabo, ngebengabanga natyala; kodwa ngoku abanandawo bangalandula ngayo malunga nesono sabo,

23. kuba ondithiyileyo mna uthiye kwanoBawo.

Uyohane 15