Uyohane 15:12-27 Ibhayibhile (XHO96)

12. Umyalelo endiniyala ngawo ngowokuba nithandane njengoko mna ndanithandayo.

13. Olona thando lukhulu umntu anokuzithanda ngalo izihlobo zakhe kukuba ubomi bakhe abuncamele zona.

14. Nizizihlobo zam ke nina, ukuba niyayenza imiyalelo yam.

15. Andisatsho kuni ukuthi nizizicaka, kuba isicaka asikwazi okwenziwa yinkosi yaso. Ndinibiza ngokuthi nizizihlobo, kuba ndinixelele konke endikuvileyo kuBawo.

16. Asinini enanyula mna, ndim owaninyulayo nina. Ndanimisela okokuba niqhubele phambili, nivelise iziqhamo ezihlala zikho. Ke ngoko uBawo uya kuninika konke enithi nikucele egameni lam.

17. Ndiniwisela lo mthetho ke: ‘Thandanani!’ ”

18. “Ukuba ihlabathi lithe lanithiya, ze nikhumbule okokuba lathiya mna kuqala.

19. Ukuba beningabehlabathi, ihlabathi ngelinithanda okwabalo. Kodwa aningabo abehlabathi, kuba mna ndaninyula kulo ihlabathi. Kungoko linithiyileyo ihlabathi.

20. Likhumbuleni ilizwi endalithethayo kuni, ndisithi: ‘Akukho sicaka sikhulu kunenkosi yaso.’ Banditshutshisile mna; ke ngoko bonitshutshisa nani. Abayamkelanga imfundiso yam; neyenu ke abayi kuyamkela.

21. Ezi zinto zonke baya kuzenza kuni ngenxa yam, kuba abamazi lowo undithumileyo.

22. Ukuba bendingathethanga nabo, ngebengabanga natyala; kodwa ngoku abanandawo bangalandula ngayo malunga nesono sabo,

23. kuba ondithiyileyo mna uthiye kwanoBawo.

24. Ukuba babengandibonanga ndisenza imisebenzi engazange yenziwa mntu, ngebengabanga natyala; kodwa bayibonile imisebenzi yam, kanti noko bandithiyile mna, bamthiyile naye uBawo.

25. Noko, bekumelwe kukuba njalo, ukuze lizaliseke ilizwi elibhaliweyo emthethweni wabo elithi: ‘Bandithiya kungekho sizathu mpela.’

26. “Ndakuba ndifikile kuBawo, ndonithumela uMmeli onguMoya wenyaniso ovela kuBawo. Xa athe wafika yena, wongqina ngam.

27. Nani ke niya kungqina ngam, kuba beninam kwasekuqaleni.

Uyohane 15