Uyohane 15:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Mna ndingumdiliya wenene; umlimi wawo nguBawo.

2. Onke amasebe akum angavelisi siqhamo uyawasusa; onke avelisa isiqhamo uyawathena, ukuze avelise isiqhamo ngakumbi.

3. Nina ke senihlambulukile yimfundiso endinifundise yona.

4. Hlalani nimanyene nam, njengokuba nam ndihleli ndimanyene nani. Kaloku isebe alinako ukuvelisa isiqhamo ngokwalo lingahlalanga limanyene nomdiliya. Ngokukwanjalo ke nani aninakuvelisa siqhamo ningahlalanga nimanyene nam.

Uyohane 15