Uyohane 14:9-23 Ibhayibhile (XHO96)

9. Wathi kuye uYesu: “Kunini na ndikunye nani, Filipu; ngaba akukandazi? Lowo ubone mna, ubone uBawo. Utsho ngani wena ukuthi mandinibonise uBawo?

10. Ngaba akukholwa na okokuba mna ndikuye uBawo, abe noBawo ekum? Endikuthethileyo kuni ke andikuthethi kuphuma kum. Oko ndikwenzayo kwenziwa nguBawo ohleli kum.

11. Kholwani kwendikuthethayo xa ndithi ndikuye uBawo, ekum noBawo. Ukuba anikholwa kuba ndisitsho, kholwani ngenxa yezinto endizenzayo.

12. Inene, okholwayo kum uya kuzenza izinto endizenzayo, ade enze nezinkulu kunezi, kuba ndiya kuBawo.

13. Ke ngoko nayiphi na into eniyicela kum ndiya kuyenza, ukuze uYise abonakalise amandla akhe ngoNyana.

14. Nantoni na eniyicela ngegama lam ndiya kuyenza.”

15. “Ukuba niyandithanda noyigcina imiyalelo yam.

16. Wothi ke uBawo, ndakumcela, aninike omnye uMmeli, ukuze ahlale nani ngonaphakade.

17. Lo Mmeli nguMoya wenyaniso, lowo ihlabathi lingenako ukumamkela, kuba lingenako ukumbona, lingamazi nokumazi. Nina ke niyamazi, kuba uhleli nani, eya kuba ngaphakathi kuni.

18. “Ndiyabuya; andiyi kunishiya niziinkedama.

19. Selisondele ixesha lokuba ihlabathi lingabi sandibona. Kodwa nina niya kundibona, kuba mna ndiyaphila, naye nani niya kuphila.

20. Ngaloo mini niya kuqonda okokuba ndikuBawo, nani nikum, nam ndikuni.

21. “Lowo uyamkelayo imiyalelo yam ayigcine, nguye ondithandayo. Lowo ke undithandayo mna, uya kuthandwa nguBawo. Nam ndiya kumthanda, ndizibonakalise kuye.”

22. Waza uJudas, lowo ungenguye uSikariyoti, wathi kuye: “Nkosi, kutheni na le nto uza kuzibonakalisa kuthi, ungazibonakalisi kulo ihlabathi?”

23. Waphendula uYesu wathi kuye: “Lowo undithandayo uyawagcina amazwi am. Wothi uBawo amthande, size siye kuye, sihlale kunye naye.

Uyohane 14