Uyohane 14:4-7 Ibhayibhile (XHO96)

4. Ngoko ke niyayazi indlela eya apho ndiya khona.”

5. Waza wathi uTomas: “Nkosi, singàzi nokwazi nje apho uya khona, singáthini ukuyazi indlela eya khona?”

6. Waphendula uYesu wathi: “Ndim indlela, ndim inyaniso, ndim ubomi. Akukho namnye unokuya kuBawo engayi ngam.

7. Nindazi nje mna, niyamazi noBawo. Ngoku ke niyamazi, nimbonile nokumbona.”

Uyohane 14