23. Waphendula uYesu wathi kuye: “Lowo undithandayo uyawagcina amazwi am. Wothi uBawo amthande, size siye kuye, sihlale kunye naye.
24. Lowo ungandithandiyo akakwenzi endikuthethayo. Kanti la mazwi eniwave ngam akamazwi am, koko ngakaBawo ondithumileyo.
25. “Ndinixelele oku ndisekunye nani.
26. Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.
27. “Ndinishiya noxolo olulolwam, olungafani nakancinane nolweli hlabathi. Ze ningakhathazeki, ningoyiki.
28. Senditshilo kuni ukuthi ndiyemka, kodwa ndiya kuphinda ndibuyele kuni. Ukuba benindithanda ngenavuyayo nakuva ukuba ndiya kuBawo, kuba yena mkhulu kunam.
29. Isizathu sokuba ndinixelele ezi zinto ngoku, zingekenzeki, kukuze zakwenzeka nikholwe.
30. Andisenakuthetha zinto zininzi nani, kuba selesiza umphathi weli hlabathi. Akanagunya kum,
31. kodwa ukuze ihlabathi liqonde ukuba ndiyamthanda uBawo, yaye ndisenza njengoko uBawo andiyaleleyo, ndithi kuni: ‘Phakamani, simke apha.’ ”