Uyohane 14:21-27 Ibhayibhile (XHO96)

21. “Lowo uyamkelayo imiyalelo yam ayigcine, nguye ondithandayo. Lowo ke undithandayo mna, uya kuthandwa nguBawo. Nam ndiya kumthanda, ndizibonakalise kuye.”

22. Waza uJudas, lowo ungenguye uSikariyoti, wathi kuye: “Nkosi, kutheni na le nto uza kuzibonakalisa kuthi, ungazibonakalisi kulo ihlabathi?”

23. Waphendula uYesu wathi kuye: “Lowo undithandayo uyawagcina amazwi am. Wothi uBawo amthande, size siye kuye, sihlale kunye naye.

24. Lowo ungandithandiyo akakwenzi endikuthethayo. Kanti la mazwi eniwave ngam akamazwi am, koko ngakaBawo ondithumileyo.

25. “Ndinixelele oku ndisekunye nani.

26. Ke uMmeli uMoya oyiNgcwele, lowo uBawo aya kumthuma egameni lam, uya kunifundisa zonke izinto, anikhumbuze ngako konke endithe ndanixelela kona.

27. “Ndinishiya noxolo olulolwam, olungafani nakancinane nolweli hlabathi. Ze ningakhathazeki, ningoyiki.

Uyohane 14