Uyohane 12:27-31 Ibhayibhile (XHO96)

27. “Intliziyo yam ikhathazekile ngoku. Ndingathini kodwa? Kuthi mandithi: ‘Bawo, ndisindise, ulidlulise kum eli xesha’? Hayi, mandingatsho, kuba kwakungenxa yoku ukuba ndifikelele kweli xesha.

28. Ke ngoko ndithi: ‘Bawo, zibonakalise into oyiyo wena.’ ”Kwavakala ilizwi, liphuma ezulwini, lisithi: “Ndizibonakalisile, ndibe ndisaya kuphinda ndizibonakalise.”

29. Isihlwele sabantu ababemi apho sathi liyaduduma, abanye besithi isithunywa sezulu sithethe naye.

30. Kodwa uYesu wathi kubo: “Eli lizwi alivakalanga ngenxa yam, koko livakale ngenxa yenu.

31. Lithwasile ngoku ixesha lokugwetywa kweli hlabathi; umphathi weli hlabathi uza kukhiqwa ngoku.

Uyohane 12