18. Ke ngoko indimbane yaya kumhlangabeza uYesu, kuba yayivile ngokwenza kwakhe loo mqondiso.
19. Baza *abaFarasi bathethana besithi: “Khangelani, yeyele ngomkhono! Nanko elandelwa lilizwe lonke!”
20. Kwakukho namaGrike phakathi kwabo bantu babeye kunqula eJerusalem ngexesha lomsitho *wePasika.
21. Ke wona aya kuFilipu, lowo waseBhetesayida eGalili, acela esithi: “Nkosi, sifuna ukubona uYesu.”
22. UFilipu waya kuxelela uAndreya, baza bahamba bobabini baya kuxelela uYesu.
23. Wabaphendula uYesu wathi: “Lifikile ngoku ixesha lokuba ubungangamsha bakhe *uNyana woLuntu bubonakale.