7. Emva koko wathi kubafundi bakhe: “Masiphinde siye kwelakwaJuda.”
8. Ke ngoko bathi kuye abafundi: “Mfundisi, ebesand' ukufuna ukukugibisela ngamatye nje amaJuda, ungáthini ukubuya uye khona?”
9. Wabaphendula uYesu wathi: “Ilanga liyavela, litshone, anditsho? Ke ukuba umntu uhamba emini, akakhubeki; kuba ukhanyiselwa lukhanyiso lweli hlabathi.
10. Kodwa ukuba uhamba ebusuku, uyakhubeka; kuba akukho kukhanya kumkhanyiselayo.”
11. Akuba etshilo, waqokela wathi: “Umhlobo wethu uLazaro ulele; ndisaya kumvusa.”
12. Baza bathi kuye abafundi: “Nkosi, ukuba ulele, uya kuvuka.”
13. Kanti ke uYesu wayethetha okokuba uLazaro uswelekile, kodwa bona babeba uthetha ukuthi ulele ubuthongo.
14. Ke ngoko wabaxelela ngokuphandle, wathi: “ULazaro ufile;
15. kodwa ngenxa yenu ndiyavuya ngokungabikho kwam khona, ukuze nikholwe. Ngoko ke, masiye kuye.”
16. Ke ngoko uTomas, uWele, wathi kwabanye abafundi: “Masiye nathi, size sife kunye naye.”
17. Kwathi akufika uYesu, wafumana ukuba uLazaro seleneentsuku ezine engcwatyiwe.
18. IBhetani yayikufuphi neJerusalem, umgama onganeno kweekhilomitha ezintathu,
19. kwaza kwafika amaJuda amaninzi, eze kukhuza ooMarta noMariya ngokusweleka komnakwabo.
20. Akuva uMarta okokuba uYesu uyeza, wamhlangabeza, kodwa yena uMariya wasala endlwini.
21. Waza wathi uMarta kuYesu: “Nkosi, ukuba ubukho, ngengabhubhanga umnakwethu.
22. Kodwa nangoku ndiyazi ukuba uThixo wokunika nantoni na oyicelayo kuye.”
23. Waza wathi kuye uYesu: “Umnakwenu uya kubuya avuke.”