43. Akuba etshilo wadanduluka wathi: “Lazaro, phuma engcwabeni!”
44. Waphuma umfi, izandla neenyawo zithandelwe ngamalaphu elinen, ubuso bujikelwe ngeqhiya. Wathi kubo uYesu: “Mkhululeni, nimyeke ahambe.”
45. Into eninzi yaloo maJuda awayeze kukhuza uMariya, ithe yakukubona oko uYesu akwenzileyo, yakholwa kuye.
46. Kodwa athile kuwo abuyela *kubaFarasi, abaxelela oko uYesu akwenzileyo.
47. Ke ngoko abaFarasi nababingeleli abaziintloko babiza intlanganiso *yeBhunga, bathi: “Makuthiweni na? Nanku lo mntu esenza imiqondiso emininzi.