40. UYesu wathi kuye: “Bendingatshongo na kuwe okokuba uya kuwabona amandla kaThixo ukuba uyakholwa?”
41. Balisusa ke ilitye, waza uYesu wakhangela phezulu, wathi: “Bawo, ndiyabulela kuba undiva.
42. Mna ke bendisazi ukuba uhlala undiva, kambe ke nditsho ngenxa yale ndimbane yabantu ixhontelene apha, khon' ukuze ikholwe ukuba ndithunywe nguwe.”
43. Akuba etshilo wadanduluka wathi: “Lazaro, phuma engcwabeni!”
44. Waphuma umfi, izandla neenyawo zithandelwe ngamalaphu elinen, ubuso bujikelwe ngeqhiya. Wathi kubo uYesu: “Mkhululeni, nimyeke ahambe.”
45. Into eninzi yaloo maJuda awayeze kukhuza uMariya, ithe yakukubona oko uYesu akwenzileyo, yakholwa kuye.
46. Kodwa athile kuwo abuyela *kubaFarasi, abaxelela oko uYesu akwenzileyo.
47. Ke ngoko abaFarasi nababingeleli abaziintloko babiza intlanganiso *yeBhunga, bathi: “Makuthiweni na? Nanku lo mntu esenza imiqondiso emininzi.
48. Ukuba sithe samyeka waqhuba ngolu hlobo, bonke baya kukholwa kuye, aze eze amaRoma, ayidilize *indlu kaThixo, alutshabalalise uhlanga lwethu.”
49. Omnye wabo, uKayafa, owayengumbingeleli omkhulu ngaloo nyaka, wathi: “Anikayiqondi mpela le nto!
50. Aniqondi na okokuba kunilungele ukuba umntu omnye afele abantu, kunokuba kutshatyalaliswe uhlanga lonke?”
51. Oku akakuthethanga kuphuma kuye. Watsho kuba wayengumbingeleli omkhulu ngaloo nyaka, ebhengeza okokuba uYesu wayeza kulufela uhlanga,