39. Waza wathi uYesu: “Lisuseni ilitye.”Wathi uMarta, udade bomfi: “Nkosi, selenevumba, kuba seleneentsuku ezine eswelekile.”
40. UYesu wathi kuye: “Bendingatshongo na kuwe okokuba uya kuwabona amandla kaThixo ukuba uyakholwa?”
41. Balisusa ke ilitye, waza uYesu wakhangela phezulu, wathi: “Bawo, ndiyabulela kuba undiva.
42. Mna ke bendisazi ukuba uhlala undiva, kambe ke nditsho ngenxa yale ndimbane yabantu ixhontelene apha, khon' ukuze ikholwe ukuba ndithunywe nguwe.”
43. Akuba etshilo wadanduluka wathi: “Lazaro, phuma engcwabeni!”