17. Kwathi akufika uYesu, wafumana ukuba uLazaro seleneentsuku ezine engcwatyiwe.
18. IBhetani yayikufuphi neJerusalem, umgama onganeno kweekhilomitha ezintathu,
19. kwaza kwafika amaJuda amaninzi, eze kukhuza ooMarta noMariya ngokusweleka komnakwabo.
20. Akuva uMarta okokuba uYesu uyeza, wamhlangabeza, kodwa yena uMariya wasala endlwini.
21. Waza wathi uMarta kuYesu: “Nkosi, ukuba ubukho, ngengabhubhanga umnakwethu.
22. Kodwa nangoku ndiyazi ukuba uThixo wokunika nantoni na oyicelayo kuye.”
23. Waza wathi kuye uYesu: “Umnakwenu uya kubuya avuke.”
24. Wathi kuye uMarta: “Ndiyazi okokuba uya kubuya avuke xa kuvuswa bonke abafileyo ngomhla wokugqibela.”
25. Waza wathi kuye uYesu: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile.
26. Wonke odla ubomi ekholwa kum, soze afe naphakade. Ke wena ngaba uyakholwa koku?”
27. Waza wathi kuye: “Ewe, Nkosi. Sendoyisekile; ndiyavuma okokuba wena unguye *uKrestu, uNyana kaThixo, lowo umelwe kukuza ehlabathini.”
28. Akuba etshilo uMarta, wemka waya kubizela bucala udade wabo uMariya, wathi kuye: “Umfundisi ukho; uyakubiza.”
29. Akukuva oko uMariya, wakhawuleza waphuma, wahlangabeza uYesu.
30. UYesu ke wayengekangeni edolophini, kodwa wayesekuloo ndawo wayedibene kuyo noMarta.