10. Kodwa ukuba uhamba ebusuku, uyakhubeka; kuba akukho kukhanya kumkhanyiselayo.”
11. Akuba etshilo, waqokela wathi: “Umhlobo wethu uLazaro ulele; ndisaya kumvusa.”
12. Baza bathi kuye abafundi: “Nkosi, ukuba ulele, uya kuvuka.”
13. Kanti ke uYesu wayethetha okokuba uLazaro uswelekile, kodwa bona babeba uthetha ukuthi ulele ubuthongo.
14. Ke ngoko wabaxelela ngokuphandle, wathi: “ULazaro ufile;
15. kodwa ngenxa yenu ndiyavuya ngokungabikho kwam khona, ukuze nikholwe. Ngoko ke, masiye kuye.”
16. Ke ngoko uTomas, uWele, wathi kwabanye abafundi: “Masiye nathi, size sife kunye naye.”
17. Kwathi akufika uYesu, wafumana ukuba uLazaro seleneentsuku ezine engcwatyiwe.
18. IBhetani yayikufuphi neJerusalem, umgama onganeno kweekhilomitha ezintathu,
19. kwaza kwafika amaJuda amaninzi, eze kukhuza ooMarta noMariya ngokusweleka komnakwabo.
20. Akuva uMarta okokuba uYesu uyeza, wamhlangabeza, kodwa yena uMariya wasala endlwini.
21. Waza wathi uMarta kuYesu: “Nkosi, ukuba ubukho, ngengabhubhanga umnakwethu.
22. Kodwa nangoku ndiyazi ukuba uThixo wokunika nantoni na oyicelayo kuye.”
23. Waza wathi kuye uYesu: “Umnakwenu uya kubuya avuke.”
24. Wathi kuye uMarta: “Ndiyazi okokuba uya kubuya avuke xa kuvuswa bonke abafileyo ngomhla wokugqibela.”
25. Waza wathi kuye uYesu: “Ndim uvuko; ndim ubomi. Lowo ukholwayo kum wodla ubomi nokuba ebefile.
26. Wonke odla ubomi ekholwa kum, soze afe naphakade. Ke wena ngaba uyakholwa koku?”