1. Kwakukho mntu uthile ugulayo, uLazaro. WayengowaseBhetani kuloMariya noMarta oodade wabo.
2. UMariya lo ngulowa wayithambisayo iNkosi ngamafutha aqholiweyo, waza wazisula ngeenwele zakhe iinyawo zayo. Lo Lazaro wayegula wayengumnakwabo.
3. Ke ngoko oodade wabo aba bathumela kuYesu, besithi: “Nkosi, umhlobo wakho uyagula.”
4. Akuyiva loo nto, wathi uYesu: “Oku kugula akuyi kuphelela ekufeni, koko kuya kubonakalisa amandla kaThixo, aze uNyana kaThixo abe nodumo.”
5. Ngoko ke, nangona uYesu wayebathanda ooMarta noMariya noLazaro,
6. wahlala iintsuku zambini kuloo ndawo weva ekuyo ngokugula kukaLazaro.
7. Emva koko wathi kubafundi bakhe: “Masiphinde siye kwelakwaJuda.”