Uyohane 10:27-36 Ibhayibhile (XHO96)

27. Ezam iigusha ziyaliva izwi lam. Ibe ke ndiyazazi; zona ziyandilandela.

28. Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum.

29. Kaloku uBawo ondinike zona unamandla; noko ke akukho bani unokuhlutha nto kuye.

30. Ke mna noBawo sibanye.”

31. Aphinda amaJuda achola amatye, efuna ukumgibisela ngawo ambulale uYesu.

32. Wathi ke kuwo uYesu: “Ngamandla andinike wona uBawo, ndenzé izinto ezininzi ezilungileyo, nindibona. Ngaba kungenxa yasiphi na isenzo senifuna ukundigibisela ngamatye nje?”

33. Aphendula amaJuda athi: “Asifuni kukugibisela ngamatye ngenxa yanto ilungileyo uyenzileyo; kungenxa yokuba unyelisa uThixo. Ungáthini, ungumntu nje, ukusuka uzenze uThixo?”

34. Waphendula uYesu wathi: “Kowenu umthetho kukhankanywa la mazwi kaThixo athi: ‘Mna ndithe ningoothixo.’

35. Aninakuyijika le ntetho *yeziBhalo. Kaloku uThixo yena uthi bangoothixo abo athetha nabo.

36. Ningáthini ke ukuthi mna ndithetha into emanyumnyezi ngoThixo, xa ndithi ndinguNyana kaThixo, mna ndamiselwayo nguBawo, ndathunyelwa ehlabathini nguye?

Uyohane 10