Uyohane 10:26-38 Ibhayibhile (XHO96)

26. Ningàkholwa nje kum kungenxa yokuba ningezizo iigusha zam.

27. Ezam iigusha ziyaliva izwi lam. Ibe ke ndiyazazi; zona ziyandilandela.

28. Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum.

29. Kaloku uBawo ondinike zona unamandla; noko ke akukho bani unokuhlutha nto kuye.

30. Ke mna noBawo sibanye.”

31. Aphinda amaJuda achola amatye, efuna ukumgibisela ngawo ambulale uYesu.

32. Wathi ke kuwo uYesu: “Ngamandla andinike wona uBawo, ndenzé izinto ezininzi ezilungileyo, nindibona. Ngaba kungenxa yasiphi na isenzo senifuna ukundigibisela ngamatye nje?”

33. Aphendula amaJuda athi: “Asifuni kukugibisela ngamatye ngenxa yanto ilungileyo uyenzileyo; kungenxa yokuba unyelisa uThixo. Ungáthini, ungumntu nje, ukusuka uzenze uThixo?”

34. Waphendula uYesu wathi: “Kowenu umthetho kukhankanywa la mazwi kaThixo athi: ‘Mna ndithe ningoothixo.’

35. Aninakuyijika le ntetho *yeziBhalo. Kaloku uThixo yena uthi bangoothixo abo athetha nabo.

36. Ningáthini ke ukuthi mna ndithetha into emanyumnyezi ngoThixo, xa ndithi ndinguNyana kaThixo, mna ndamiselwayo nguBawo, ndathunyelwa ehlabathini nguye?

37. Ukuba andiwenzi umsebenzi endithunywe wona nguBawo, sanukundamkela;

38. kodwa ukuba ndiyawenza, bamkeleni ubungqina bezenzo zam, nokuba ananeliseki ndim. Ke ngoko noqonda nazi okokuba uBawo ukum, nam ndikuye.”

Uyohane 10