24. Amrhawula amaJuda, athi kuye: “Phum' egusheni! Ukuba unguye *uKrestu, yitsho ngokuphandle.”
25. Wawaphendula uYesu wathi: “Sendinixelele, kodwa anakholwa noko. Imisebenzi endiyenzileyo ngegunya endilinikwe nguBawo, iyandingqinela.
26. Ningàkholwa nje kum kungenxa yokuba ningezizo iigusha zam.
27. Ezam iigusha ziyaliva izwi lam. Ibe ke ndiyazazi; zona ziyandilandela.
28. Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum.
29. Kaloku uBawo ondinike zona unamandla; noko ke akukho bani unokuhlutha nto kuye.
30. Ke mna noBawo sibanye.”
31. Aphinda amaJuda achola amatye, efuna ukumgibisela ngawo ambulale uYesu.
32. Wathi ke kuwo uYesu: “Ngamandla andinike wona uBawo, ndenzé izinto ezininzi ezilungileyo, nindibona. Ngaba kungenxa yasiphi na isenzo senifuna ukundigibisela ngamatye nje?”
33. Aphendula amaJuda athi: “Asifuni kukugibisela ngamatye ngenxa yanto ilungileyo uyenzileyo; kungenxa yokuba unyelisa uThixo. Ungáthini, ungumntu nje, ukusuka uzenze uThixo?”
34. Waphendula uYesu wathi: “Kowenu umthetho kukhankanywa la mazwi kaThixo athi: ‘Mna ndithe ningoothixo.’