Uyohane 10:24-34 Ibhayibhile (XHO96)

24. Amrhawula amaJuda, athi kuye: “Phum' egusheni! Ukuba unguye *uKrestu, yitsho ngokuphandle.”

25. Wawaphendula uYesu wathi: “Sendinixelele, kodwa anakholwa noko. Imisebenzi endiyenzileyo ngegunya endilinikwe nguBawo, iyandingqinela.

26. Ningàkholwa nje kum kungenxa yokuba ningezizo iigusha zam.

27. Ezam iigusha ziyaliva izwi lam. Ibe ke ndiyazazi; zona ziyandilandela.

28. Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum.

29. Kaloku uBawo ondinike zona unamandla; noko ke akukho bani unokuhlutha nto kuye.

30. Ke mna noBawo sibanye.”

31. Aphinda amaJuda achola amatye, efuna ukumgibisela ngawo ambulale uYesu.

32. Wathi ke kuwo uYesu: “Ngamandla andinike wona uBawo, ndenzé izinto ezininzi ezilungileyo, nindibona. Ngaba kungenxa yasiphi na isenzo senifuna ukundigibisela ngamatye nje?”

33. Aphendula amaJuda athi: “Asifuni kukugibisela ngamatye ngenxa yanto ilungileyo uyenzileyo; kungenxa yokuba unyelisa uThixo. Ungáthini, ungumntu nje, ukusuka uzenze uThixo?”

34. Waphendula uYesu wathi: “Kowenu umthetho kukhankanywa la mazwi kaThixo athi: ‘Mna ndithe ningoothixo.’

Uyohane 10