Uyohane 10:17-31 Ibhayibhile (XHO96)

17. “UBawo uyandithanda, ngenxa yokuba ndibuncama ubomi bam. Ke ndobuya ndibufumane.

18. Akukho bani ubuhluthayo kum ubomi bam; ndibuncama ngokwam. Ndinelungelo lokubuncama; ndikwanalo nelokubuya ndibufumane. Yiyo ke leyo into endiyiyalelweyo nguBawo ukuba ndiyenze.”

19. Nala ke amazwi âbanga okokuba amaJuda angavani.

20. Into eninzi yawo yayisithi: “Unendimoni! Uyageza! Ningáthini ukumphulaphula?”

21. Kodwa amanye ayesithi: “Umntu onendimoni akanakuthetha ngolu hlobo. Ibinokuthini indimoni ukuba nako ukuvula amehlo eemfama?”

22. Kwakusebusika ukufika kwexesha letheko lokukhumbula ukuhlaziywa *kwendlu kaThixo eJerusalem.

23. UYesu wayehamba-hamba endlwini kaThixo evarandeni ekuthiwa yekaSolomon.

24. Amrhawula amaJuda, athi kuye: “Phum' egusheni! Ukuba unguye *uKrestu, yitsho ngokuphandle.”

25. Wawaphendula uYesu wathi: “Sendinixelele, kodwa anakholwa noko. Imisebenzi endiyenzileyo ngegunya endilinikwe nguBawo, iyandingqinela.

26. Ningàkholwa nje kum kungenxa yokuba ningezizo iigusha zam.

27. Ezam iigusha ziyaliva izwi lam. Ibe ke ndiyazazi; zona ziyandilandela.

28. Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum.

29. Kaloku uBawo ondinike zona unamandla; noko ke akukho bani unokuhlutha nto kuye.

30. Ke mna noBawo sibanye.”

31. Aphinda amaJuda achola amatye, efuna ukumgibisela ngawo ambulale uYesu.

Uyohane 10