16. Ndinazo nezinye iigusha ezingezizo ezesi sibaya. Nazo kufuneke ndize nazo. Ziya kuliva ilizwi lam, umhlambi ube mnye, nomalusi abe mnye.
17. “UBawo uyandithanda, ngenxa yokuba ndibuncama ubomi bam. Ke ndobuya ndibufumane.
18. Akukho bani ubuhluthayo kum ubomi bam; ndibuncama ngokwam. Ndinelungelo lokubuncama; ndikwanalo nelokubuya ndibufumane. Yiyo ke leyo into endiyiyalelweyo nguBawo ukuba ndiyenze.”
19. Nala ke amazwi âbanga okokuba amaJuda angavani.
20. Into eninzi yawo yayisithi: “Unendimoni! Uyageza! Ningáthini ukumphulaphula?”
21. Kodwa amanye ayesithi: “Umntu onendimoni akanakuthetha ngolu hlobo. Ibinokuthini indimoni ukuba nako ukuvula amehlo eemfama?”
22. Kwakusebusika ukufika kwexesha letheko lokukhumbula ukuhlaziywa *kwendlu kaThixo eJerusalem.
23. UYesu wayehamba-hamba endlwini kaThixo evarandeni ekuthiwa yekaSolomon.
24. Amrhawula amaJuda, athi kuye: “Phum' egusheni! Ukuba unguye *uKrestu, yitsho ngokuphandle.”
25. Wawaphendula uYesu wathi: “Sendinixelele, kodwa anakholwa noko. Imisebenzi endiyenzileyo ngegunya endilinikwe nguBawo, iyandingqinela.