Uyohane 10:14-15-28 Ibhayibhile (XHO96)

2. Ke lowo ungena ngesango, ngumalusi wazo iigusha.

3. Umgcini-sango uyamvulela lowo. Iigusha zakhe ziyaliva izwi lakhe. Uzibiza ngamagama azo, azikhokelele phandle.

4. Akuba ezikhuphile esibayeni iigusha zakhe, uhamba phambi kwazo, zize zimlandele, kuba ziyalazi izwi lakhe.

5. Omnye umntu azingekhe zimlandele. Zosuka zimbaleke, kuba azilazi izwi lowasemzini.”

6. UYesu wabenzela lo mzekeliso, kodwa bona babengayiqondi into awayeyithetha kubo.

7. Wabuya wathetha nabo uYesu, wathi: “Ndithi kuni, inene, ndim isango lesibaya seegusha.

8. Iigusha zange zibaphulaphule bonke abathe bafika ngaphambi kwam, kuba babengamasela nezihange.

9. Ndim isango; othe wangena ngam wosindiswa. Wongena ephuma, atye anele.

14-15. Ndim umalusi olungileyo. Njengokuba uBawo endazi mna, nam ndimazi uBawo, ngokukwanjalo ndiyazazi iigusha zam, nazo ziyandazi, ndaye nobomi bam ndibuncamela iigusha zam.

16. Ndinazo nezinye iigusha ezingezizo ezesi sibaya. Nazo kufuneke ndize nazo. Ziya kuliva ilizwi lam, umhlambi ube mnye, nomalusi abe mnye.

17. “UBawo uyandithanda, ngenxa yokuba ndibuncama ubomi bam. Ke ndobuya ndibufumane.

18. Akukho bani ubuhluthayo kum ubomi bam; ndibuncama ngokwam. Ndinelungelo lokubuncama; ndikwanalo nelokubuya ndibufumane. Yiyo ke leyo into endiyiyalelweyo nguBawo ukuba ndiyenze.”

19. Nala ke amazwi âbanga okokuba amaJuda angavani.

20. Into eninzi yawo yayisithi: “Unendimoni! Uyageza! Ningáthini ukumphulaphula?”

21. Kodwa amanye ayesithi: “Umntu onendimoni akanakuthetha ngolu hlobo. Ibinokuthini indimoni ukuba nako ukuvula amehlo eemfama?”

22. Kwakusebusika ukufika kwexesha letheko lokukhumbula ukuhlaziywa *kwendlu kaThixo eJerusalem.

23. UYesu wayehamba-hamba endlwini kaThixo evarandeni ekuthiwa yekaSolomon.

24. Amrhawula amaJuda, athi kuye: “Phum' egusheni! Ukuba unguye *uKrestu, yitsho ngokuphandle.”

25. Wawaphendula uYesu wathi: “Sendinixelele, kodwa anakholwa noko. Imisebenzi endiyenzileyo ngegunya endilinikwe nguBawo, iyandingqinela.

26. Ningàkholwa nje kum kungenxa yokuba ningezizo iigusha zam.

27. Ezam iigusha ziyaliva izwi lam. Ibe ke ndiyazazi; zona ziyandilandela.

28. Ndizinika ubomi obungenasiphelo. Azisoze zitshabalale, kwaye akukho bani unokuzihlutha kum.

Uyohane 10