Uyohane 10:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. “Inene, lowo ungangeniyo ngesango esibayeni seegusha, kodwa usuka angene ngandawo yimbi, ulisela nesihange.

2. Ke lowo ungena ngesango, ngumalusi wazo iigusha.

3. Umgcini-sango uyamvulela lowo. Iigusha zakhe ziyaliva izwi lakhe. Uzibiza ngamagama azo, azikhokelele phandle.

14-15. Ndim umalusi olungileyo. Njengokuba uBawo endazi mna, nam ndimazi uBawo, ngokukwanjalo ndiyazazi iigusha zam, nazo ziyandazi, ndaye nobomi bam ndibuncamela iigusha zam.

Uyohane 10