Uyohane 1:41-51 Ibhayibhile (XHO96)

41. Kwangoko uAndreya wabona umntakwabo uSimon, wathi kuye: “Simfumene uMesiya.” (Oko kukuthi “*uKrestu.”)

42. Wamsa kuYesu ke; waza uYesu wamjonga, wathi: “Wena unguSimon, unyana kaYohane. Igama lakho loba *nguKefas.” (Oko kukuthi “Lwalwa.”)

43. Ngengomso uYesu wabona ukuba makaye eGalili; waza wadibana noFilipu, wathi kuye: “Ndilandele.”

44. Ke uFilipu wayengowaseBhetesayida, idolophu yakuloAndreya noPetros.

45. UFilipu wadibana noNataniyeli, wathi kuye: “Simbonile lowo uMosis wabhala ngaye *emthethweni, ekwâbhalwa ngaye *nangabashumayeli. NguYesu, unyana kaJosefu waseNazarete.”

46. UNataniyeli wathi kuye: “Uthini! Kungákho nto ilungileyo inokuphuma eNazarete?”UFilipu wathi kuye: “Yiza, uzibonele.”

47. UYesu akumbona uNataniyeli esiza kuye, wathi ngaye: “Ngenene nanko umSirayeli ekungekho nkohliso kuye.”

48. UNataniyeli wathi kuye: “Ùndazela phi na?”UYesu wamphendula wathi: “Wena ndakubona usephantsi komkhiwane, engekakubizi uFilipu.”

49. UNataniyeli wamphendula wathi: “Mfundisi, inene unguNyana kaThixo; unguKumkani wakwaSirayeli.”

50. UYesu wathi kuye: “Ùkholwa ngokuba ndithe kuwe ndikuboné uphantsi komkhiwane? Uya kubona izinto ezingaphezulu lee kunezi.”

51. Wahambisa wathi kuye: “Ndithi kuni, inene, niya kulibona izulu livulekile, nezithunywa zikaThixo zinyuka zisihla phezu kwakhe *uNyana woLuntu.”

Uyohane 1