30. Nguye lo bendixela yena xa bendisithi: ‘Emva kwam kuza umntu omkhulu kunam, kuba wayekho ndingekabikho mna.’
31. Nam ngokwam bendingamazi; koko ndize kubhaptiza ngamanzi ngenjongo yokuba ndimazise kubantu bakwaSirayeli.”
32. UYohane wangqina esithi: “Ndibone uMoya oyiNgcwele esihla enjengehobe, evela ezulwini, waza wahlala phezu kwakhe.
33. Ke nam bendingamazi, kodwa lowo wandithumayo ukuba ndibhaptize ngamanzi, nguye owathi kum: ‘Lowo ùbone uMoya esihla phezu kwakhe, ahlale kuye, nguye obhaptiza ngoMoya oyiNgcwele.’
34. Ke mna, ndikubonile nje oku, ndiyangqina okokuba lo nguye uNyana kaThixo.”
35. Ngengomso uYohane wayelapho kwakhona, enababini kubafundi bakhe.
36. Waza wabona uYesu edlula apho, wathi: “Nâlo ixhwane likaThixo lokungxengxezelela isono.”
37. Abafundi abo bamva esitsho, baza bamlandela uYesu.
38. Akubheka uYesu, wabona ukuba bayamlandela, waza wathi kubo “Ngaba nifuna ntoni na?”Baza bathi kuye: “Mfundisi, uhlala phi na?”
39. Wathi kubo: “Yizani, nibone.” Bahamba kunye naye ke, bayibona indawo awayehlala kuyo, baza bahlala naye loo mini. Ixesha lalimalunga nentsimbi yesine emva kwemini.
40. YayinguAndreya, umntakwabo-Simon Petros, omnye wâbo bafundi babini beva ngoYohane, baza bamlandela uYesu.
41. Kwangoko uAndreya wabona umntakwabo uSimon, wathi kuye: “Simfumene uMesiya.” (Oko kukuthi “*uKrestu.”)
42. Wamsa kuYesu ke; waza uYesu wamjonga, wathi: “Wena unguSimon, unyana kaYohane. Igama lakho loba *nguKefas.” (Oko kukuthi “Lwalwa.”)
43. Ngengomso uYesu wabona ukuba makaye eGalili; waza wadibana noFilipu, wathi kuye: “Ndilandele.”