Uyohane 1:3-6 Ibhayibhile (XHO96)

3. Izinto zonke zadalwa ngaye; ngaphandle kwakhe akubangakho nto idaliweyo. Indalo yonke

4. yaba nobomi ngaye, baza obo bomi baba lukhanyiso eluntwini.

5. Olu khanyiso lukhanya ebumnyameni; kwaye ubumnyama abuzange bukoyise ukukhanya kwalo.

6. UThixo wathuma mntu uthile, ogama linguYohane.

Uyohane 1