11. Weza kwelakowabo, aza amawabo akamamkela.
12. Kodwa bonke abâmamkeláyo, bezinikele kuye ngokupheleleyo, wabanika igunya lokuba ngabantwana bakaThixo.
13. Ababanga ngabantwana bakaThixo ngokuzalwa bengabomlibo othile, okanye ngokuzalwa ngendlela yemvelo; nguThixo ngokwakhe obazeleyo.
14. ULizwi ke waba ngumntu, waza wahlala phakathi kwethu. Sabubukela ubungangamsha bakhe awabunikwa nguYise, njengoko ekukuphela koNyana wakhe; ubungangamsha ke obuphuphuma ububele nenyaniso.
15. UYohane wangqina ngoLizwi; wavakalisa esithi: “Lo ngulowo bendithetha ngaye xa bendisithi: ‘Lowo uza emva kwam mkhulu kunam, kuba wayeselekho ndingekabikho mna.’ ”
16. Ngokuphuphuma kobubele bukaLizwi, thina sonke saphiwa iintsikelelo ezingenasiphelo.
17. Nakuba uThixo wasinika umthetho ngoMosis, ubabalo nenyaniso wasinika ngoYesu Krestu.