Uyohane 1:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ekuqaleni, kungekadalwa, wayeselekho uLizwi. ULizwi lo wayekunye noThixo, naye ngokwakhe enguThixo.

2. Yena wayekunye noThixo kwasekuqalekeni.

3. Izinto zonke zadalwa ngaye; ngaphandle kwakhe akubangakho nto idaliweyo. Indalo yonke

4. yaba nobomi ngaye, baza obo bomi baba lukhanyiso eluntwini.

5. Olu khanyiso lukhanya ebumnyameni; kwaye ubumnyama abuzange bukoyise ukukhanya kwalo.

6. UThixo wathuma mntu uthile, ogama linguYohane.

7. Yena weza kungqina, engqinela ukukhanya, ukuze bonke bakholwe ngenxa yobungqina bakhe.

8. Yena uYohane ngokwakhe wayengelulo ukhanyiso, koko weza kungqina ngalo.

9. Lowo ulukhanyiso lwenene olukhanyisela wonke umntu, wayesiza ehlabathini.

Uyohane 1