1. Ekuqaleni, kungekadalwa, wayeselekho uLizwi. ULizwi lo wayekunye noThixo, naye ngokwakhe enguThixo.
2. Yena wayekunye noThixo kwasekuqalekeni.
3. Izinto zonke zadalwa ngaye; ngaphandle kwakhe akubangakho nto idaliweyo. Indalo yonke
4. yaba nobomi ngaye, baza obo bomi baba lukhanyiso eluntwini.
5. Olu khanyiso lukhanya ebumnyameni; kwaye ubumnyama abuzange bukoyise ukukhanya kwalo.
6. UThixo wathuma mntu uthile, ogama linguYohane.