Uyobi 9:7-19 Ibhayibhile (XHO96)

7. Nelanga uthetha nalo litsho lingaphumi,ke zona iinkwenkwezi uzigubungela zitsho zingaveli.

8. Nguye owawatwabululayo amazulu,waza wandolosa phezu kwawo amaza olwandle.

9. Nguye umenzi weendidi zeenkwenkwezi,oozibhere noomakroza, isilimela nomthala wasezantsi.

10. Yena ngumenzi wezinto ezinkulu ezingaphicothekiyo;kanti nemiqondiso yakhe ayinakubalwa.

11. Nokuba selegqitha ngakum andinako ukumbona;uthi tshe ndingaqondanga mna.

12. Khona selengade athathe into, ngubani ongamnqandayo?Akekho nongabuzayo athi: ‘Wenza ntoni ke?’

13. Kaloku uThixo akabuyi ngamva ngengqumbo yakhe;neentshaba zakhe ezazithelela uRahabhi isilo saselwandle wazinyhasha.

14. “Bendingubani ke mna ukuba ndingade ndiphendulane naye?Khona, ndingawazuza phi amazwi okuxoxa naye?

15. Nditsho sendimsulwa, andingeze ndamxoxisa;nto endingayenzayo kukuzibika ndimbongoze uMgwebi wam.

16. Nokuba sendizibika kuye, naxa angade andiphendule,anditsho ukuba angakuva ukuzithethelela kwam.

17. Kaloku yena undintlitha ngenzwinini yesaqhwithi,anditsho imivumbo ixananaze ngaphandle kwesizathu.

18. Akandiniki neli lokukhok' umoya ithuba,koko unditsho ndanengcwangu.

19. Xa kuthethwa ngamandla, nguye onawo;xa kuthethwa ngobulungisa, nguye onokundimangalela.”

Uyobi 9