23. Isithwakumbe sithi sakuzisa ukufayena aphoxise ngaso isibetho sabamsulwa.
24. Ihlabathi lisezandleni zezikhohlakali;ke bona abagwebi ubamfamekisile.Xa ingenguye ke uthi ngaba ngubani?
25. “Imihla yam ikhawuleza ngaphezu kwembaleki;ewe, ibaleka gqitha, ibe ke ayinayo nanto incomekayo.
26. Iphala njengesikhephe seengcongolo;ikhawuleza ngathi lukhozi lurhiwula ixhoba.
27. Noba sendisithi:‘Hayi, ngoku ndiza kukhe ndizingcwabe izikhalazo zam,ndibobotheke ndihlale ndizonwabele,’
28. ndisuka ndoyike ndibe namanwele,kuba ndiyaqonda ukuba wena akungeke undibalele njengongenatyala.
29. Ke, ukuba ndiza kugwetywa, ngani ukuba ndibe sazabalaza?
30. Noba ndingade ndihlambe ngekhephu,izandla zam ndizicoce ngesephu,
31. wena uya kundiphosa emhadini,nditsho ndibe rhono-rhono,kwankqu neempahla zam zingandamkeli.
32. “Ebengumntu na kakade ukuba ndibe ndiphendulane naye?Hayi, bendingeze ndime naye enkundleni!
33. Kaloku phakathi kwethu sobabiniakukho mlamli unokusahlula ngezandla zakhe.
34. Hayi bo! Khawumke noswazi lwakhokhon' ukuze ndingabi sankwantya ndisoyika isohlwayo.
35. Xa kunjalo ke ndingatsho ndithethe ndingenaloyiko,kodwa ngale ndlela izinto zimi ngayo ngoku andinako.”