22. Kuba kaloku kuyafana;yiyo loo nto ke ndithi:‘Yena utshabalalisa bonke,abamsulwa ngokunjalo nezaphula-mthetho.’
23. Isithwakumbe sithi sakuzisa ukufayena aphoxise ngaso isibetho sabamsulwa.
24. Ihlabathi lisezandleni zezikhohlakali;ke bona abagwebi ubamfamekisile.Xa ingenguye ke uthi ngaba ngubani?
25. “Imihla yam ikhawuleza ngaphezu kwembaleki;ewe, ibaleka gqitha, ibe ke ayinayo nanto incomekayo.
26. Iphala njengesikhephe seengcongolo;ikhawuleza ngathi lukhozi lurhiwula ixhoba.
27. Noba sendisithi:‘Hayi, ngoku ndiza kukhe ndizingcwabe izikhalazo zam,ndibobotheke ndihlale ndizonwabele,’
28. ndisuka ndoyike ndibe namanwele,kuba ndiyaqonda ukuba wena akungeke undibalele njengongenatyala.
29. Ke, ukuba ndiza kugwetywa, ngani ukuba ndibe sazabalaza?
30. Noba ndingade ndihlambe ngekhephu,izandla zam ndizicoce ngesephu,
31. wena uya kundiphosa emhadini,nditsho ndibe rhono-rhono,kwankqu neempahla zam zingandamkeli.
32. “Ebengumntu na kakade ukuba ndibe ndiphendulane naye?Hayi, bendingeze ndime naye enkundleni!
33. Kaloku phakathi kwethu sobabiniakukho mlamli unokusahlula ngezandla zakhe.