18. Akandiniki neli lokukhok' umoya ithuba,koko unditsho ndanengcwangu.
19. Xa kuthethwa ngamandla, nguye onawo;xa kuthethwa ngobulungisa, nguye onokundimangalela.”
20. “Ndimsulwa ndinjalo, kodwa ndigwetywa kwangumlomo wam.Nangona ndingade ndibe andinabala, yena angandifumana ndinetyala.
21. Ewe, andinabala, kodwa andizibaleli ntweni;nto nje ndikruqukile bobu bomi.
22. Kuba kaloku kuyafana;yiyo loo nto ke ndithi:‘Yena utshabalalisa bonke,abamsulwa ngokunjalo nezaphula-mthetho.’