Uyobi 9:16-27 Ibhayibhile (XHO96)

16. Nokuba sendizibika kuye, naxa angade andiphendule,anditsho ukuba angakuva ukuzithethelela kwam.

17. Kaloku yena undintlitha ngenzwinini yesaqhwithi,anditsho imivumbo ixananaze ngaphandle kwesizathu.

18. Akandiniki neli lokukhok' umoya ithuba,koko unditsho ndanengcwangu.

19. Xa kuthethwa ngamandla, nguye onawo;xa kuthethwa ngobulungisa, nguye onokundimangalela.”

20. “Ndimsulwa ndinjalo, kodwa ndigwetywa kwangumlomo wam.Nangona ndingade ndibe andinabala, yena angandifumana ndinetyala.

21. Ewe, andinabala, kodwa andizibaleli ntweni;nto nje ndikruqukile bobu bomi.

22. Kuba kaloku kuyafana;yiyo loo nto ke ndithi:‘Yena utshabalalisa bonke,abamsulwa ngokunjalo nezaphula-mthetho.’

23. Isithwakumbe sithi sakuzisa ukufayena aphoxise ngaso isibetho sabamsulwa.

24. Ihlabathi lisezandleni zezikhohlakali;ke bona abagwebi ubamfamekisile.Xa ingenguye ke uthi ngaba ngubani?

25. “Imihla yam ikhawuleza ngaphezu kwembaleki;ewe, ibaleka gqitha, ibe ke ayinayo nanto incomekayo.

26. Iphala njengesikhephe seengcongolo;ikhawuleza ngathi lukhozi lurhiwula ixhoba.

27. Noba sendisithi:‘Hayi, ngoku ndiza kukhe ndizingcwabe izikhalazo zam,ndibobotheke ndihlale ndizonwabele,’

Uyobi 9