1. Ke uYobi waphendula wathi:
2. “Ewe, ndiyazi ukuba kunjalo;kambe ke umntu angaphumelela njani xa emi enkundleni noThixo?
3. Noba ungade uzimisele ukuxoxa,awungebi nako ukuphendula nomnye kwiwaka lemibuzo yakhe.
4. Kaloku yena sisilumko esibalaseleyo ngamandla;akukho mntu unokumelana naye aze aphumelele.
5. Kaloku yena neentaba ezi usuka azisiphule zingazi zona;ewe, ngaloo ngqumbo yakhe usuka azibhukuqe.
6. Yena nomhlaba lo uyawugungxula,neentsika zawo zitsho ziqhaqhazele.
7. Nelanga uthetha nalo litsho lingaphumi,ke zona iinkwenkwezi uzigubungela zitsho zingaveli.
8. Nguye owawatwabululayo amazulu,waza wandolosa phezu kwawo amaza olwandle.
9. Nguye umenzi weendidi zeenkwenkwezi,oozibhere noomakroza, isilimela nomthala wasezantsi.
10. Yena ngumenzi wezinto ezinkulu ezingaphicothekiyo;kanti nemiqondiso yakhe ayinakubalwa.
11. Nokuba selegqitha ngakum andinako ukumbona;uthi tshe ndingaqondanga mna.