Uyobi 8:6-16 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ukuba ungumntu onyanisekileyo omsulwa,ngenene uya kukuva, akubuyekeze ngomzi wakho.

7. Ewe, ubunayo inkqubela ngaphambili,kodwa ayinakulinganiswa nendyebo owoba nayo esiphelweni.

8. Khawuphonononge ulande imbali yemihla yamandulo;phicotha ufunde kumava amanyange.

9. Kaloku thina singabayizolo, asazi nto,nemihla yethu emhlabeni idlula njengesithunzi.

10. Ke bona baya kukululeka, bathethe nawe;ewe, bangakuphokozela kuloo vimba wolwazi lwabo, bathi:

11. ‘Ngaba ingaphuma na imizí apho kungekho mgxobhozo?Uthi ingakhula ingcongolo apho kungekho manzi?

12. Zithi zingekalungeli kukhiwa,zimbatshe kuqala kunezinye izityalo.’

13. Iba njalo indlela yabo bonke abamlibalayo uThixo;ewe, ithemba lâbo bangamnquliyo uThixo liyadaka.

14. Kaloku bona bangqiyama ngentambo yesigcawu,lisuke ke elo themba labo linqamke.

15. Bayama ngendlu yesigcawu, ibe ke yona ingaqinanga;babambelela kuyo ngoku yona igqashu-gqashu.

16. Bahluma okwesityalo esinamanzi esibethwa yimitha yelanga,sona esinwenwa siphinyele egadini.

Uyobi 8